Written by Jeremy Hall

March 16, 2020

Ukucikideka Komntu

(The Proof of the Man)

KwabaseFiliphi 2:16-24

Ukuba umntu ubugocagoca (ubuxilonga) ubomi bakho, Ingaba bangacinga ntoni?

Apha sinomntu ohamba kakuhle, ophila njengomzekelo olungileyo; enyanisewi ophila uKristu; igama lakhe lalinguTimoti.

I. Wayengubani uTimoti? (V19-23)

A. IBhayibile ithetha ngoTimothi njengomntu okhuliswa ngumakhulu wakhe, nangomama wakhe.

B. Ayithethi ngotata wakhe kakhulu. (2Tim 1:5), iBhayibhile ithi, Wayengu-mixed race; utata wakhe wayengumGrike (Izenzo 16:1), umama wakhe wayengumYuda.

C. Wayengaveli ngembewu elungileyo; Wayenezithintelo (disadvantages) ezininzi esikweni lakhe!

1. Esikweni lakhe, abantu babengabeki/dumi abantu abangoluhlobo; babedela bona. Babethetha kakubi ngabo

2. Mandikukhumubza, aba bantu ngabantu uThixo angathanda ukusebenza (the least likely people),

3. Uyakhumbula ibali likaDavid?

a) 1Sa 16:7  Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.

D. Wayengubani uTimoti?  Waziwa njengomntu ozisa ukonwaba kuPawulos (v19). Wayengumntu owina ukuthembela kaPawulos. uPawulos Wayethembela uTimoti, wayemhlonipa;

1. Hayi yena yedwa, kodwa abantu baseFilipi nabo; babemazi yena nabo; babesazi isimilo sakhe. uTimoti wayenobungqina obulungileyo eFilipi; wayelapho noPawulos ngokuya waqala lacawa. Wayesebenza naye kulandawo, kwaye wayesokola noPawulos apho.

2. Wathi, (v22) “ukucikideka ke kwakhe niyakwazi” Ithi ngesingesi “you know the proof of him.”

E. (V21) uPawulos wayenabantu abaninzi abasondela kuye emsebenzini wakhe, eluhambweni lwakhe, kodwa bonke babesondela kuye ukuze bafumane into, not kuba babethanda uThixo nomsebenzi wakhe.

1. Babefuna ukumsebenzisa uPawulos nje, ukuze “baphumelela”

a) 2Tim 4:10…kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku..

b) 2Tim 1:15 2Ti 1:15  Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya;…

2. UPawulos waye-invest ubomi bakhe emadodeni amaninzi, wayecitha ixesha elide nabantu abaninzi, kwaye ngeloxesha kwakukho umntu omnye qha ongakwazi ukuthumela eFilipi, wayenguTimoti.

3. Zilungiselela ukuba ungena emsebenzini kaThixo, kuzobakho abantu abaninzi abasondela kuwe ukuze bangaphumelela, not kuba bathanda uThixo nomsebenzi wakhe.

F. Apha iyafana nokuba uPawulos ufaka iCV kaTimoti kulecawa.  uTimoti uzosebenza njengomfundisi, uzohamba eFilipi, ​​​uzokhusela bona. UPawulos ungureference yakhe, linqina lakhe.

G. Umbuzo olungileyo; Ingaba unereferences? Unamangqina? If umntu undibuza ngawe,  Ingaba Ucinga ntoni, ndiphendula ntoni ngawe?

1. Ndinga kwazi ukubaxelela, “Ewe, ungumntu olungileyo; ungumntu othembekileyo; ungena qho ngenkonzo, akaphosi ikhonzo; Ungena ngetuba! Uyasebenza, kwaye umsebenzi wakhe uhamba kakuhle; Unabantu abangena naye, uthatha umsebenzi wakhe serious kakhulu.”

2. Okanye kwakufunka ndimxelele, “uyayazi, ungena enkonzweni ewe; apha naphaya.” — Ingaba unjani umsebenzi wakhe? “Enyanisweni, akanomsebenzi enkonzweni. Ingaba wenza ntoni ecaweni yakho? Akanoxanduva.”

H. UTimoti wayenamangqina; uPawulos, wathi, “nina, ningamangqina”,”Ukucikideka ke kwake niyakwazi”(v22-23)

1. uTimoti Wayesaziwa njengomntu ozisa ulonwaba kuPawulos (v19) – uPawulos wayekwazi ukutshileks/phola ngenxa yakhe

2. Wayesaziwa njengomntu onomphefulmo omnye noPawulos (20)

3. Wayesaziwa njengomntu ofuna izinto zikaYesu Kristu (v21), ukukhonza abanye abantu, wayengazicingeli.

4. Wayesaziwa njengomkhonzi (v22)- wayekhonza uPawulos njengotata wakhe (v22)

5. Wayesaziwa ngengomntu onobungqina obulungileyo; othembeka (who was trustworthy)

Ukuba abantu basecaweni yakho kwakufuneka banike inxhelo yobomi bakho khomnye umntu, kwenye ibandla (njengoTimoti apho), bangathini ngawe?

– Bathi, “Usaziwa njengomntu ozise ulonwaba kumfundisi ​​​​​wakhe.” Usaziwa njengomntu ofuna izinto zikaThixo, usaziwa njengomkhonzi. Unamangqina amaninzi, ucikideka kwake kulungile, siyakwazi.

You May Also Like…

Ukoyisa Ukukhalaza 

Ukoyisa Ukukhalaza 

Ukoyisa Ukukhalaza  KwabaseFilipi 2:12-18 Ndinomyalzo namhlanje ongasincedisa sonke. Lomyalezo ongasincedisa nesono...

Sigcina Njani Ubunye

Sigcina Njani Ubunye

Sigcina Njani Ubunye (KwabaseFilipi 2:1-11) Sibone ukuba lencwadi yonke ithetha ngovuyo. Noba yintoni imeko yethu,...

Ukudla Ubomi KunguKristu (III)

Ukudla Ubomi KunguKristu (III)

Ukudla Ubomi KunguKristu (III) KwabseFilipi 1:27-30 Sizogqiba ukubona yintoni "Ukudla ubomi" Ukuphila ubomi iTV...

1 Comment

  1. Avatar

    Amen…. ndiyifundile Mfundisi, iyavakala kakuhle… nam uyandincedisa lomyalezo

    Reply

Leave a Reply to Lubabalo sitole Cancel reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *