https://xhosaresources.co.za/wp-content/uploads/Ulwe-Ukulwa-Okuhle.m4a
Ulwa Ukulwa Okuhle
(uMoya Wombulelo: uThixo Uyakuthemba)
1Timoti 1:12-20
Khumbula injongo yalencwadi: 1Timoti 3:14-15
Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya.
1Ti 3:15 Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
Sizofunda ngokuba nomoya wombulelo oko! Ukuze ungaziphatha kakhuhle ecaweni, kufuneka ube nomoya wombulelo…
uPawulos apha wayenombulelo kuThixo ngomsebenzi kaThixo ebomini bakhe; Wayechaza/cacisa uThixo kuTimoti (umtwana wakhe elukholweni),
1Ti 1:17 Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
– UKumkani wawo amaphakde = uKumkani kakumkani, akanasiqalo nasiphelo
– Ongenakonakala = immortal, akanesiphelo
– Ongenakubonakala = ungcwele kakuhlu ukuba abantu abakwazi ukumbona
– UThixo olumkileyo yedwa = akho mnye othixo
LoThixo wambona uPawulos, wabona idalo lakhe, wayelithemba idalo lakhe
I. UThixo Wayemthemba uPawulos, uThixo Uyakuthemba (v12)
A. uPawulos wayenombulelo kuThixo , wathi (v12) “ kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela (beka) ebulungiselelini; “
B. uPawulos wayebala ithuba lokubasemsebenzini njengolungelo olukhethekileyo, wayengumntu onyuliweyo ngomsebenezi omkhulu
1. 1 Thes 2:4 Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu. ( But as we were allowed of God to be put in trust with the gospel, even so we speak; not as pleasing men, but God, which trieth our hearts. )
C. uThixo wamthemba uPawulos nento ebalulekileyo kakhulu, Uyakuthemba nento ebalulekileyo, natoni? — nezitshixo zendlu yakhe.
1. Ndinombuzo: Ingaba unesitshixo sebanki yakho? Kutheni? Kuba kukho into ebalulekileyo ebankini! ikhona Imali eninzi…Unikela izitshixo kumntu othembayo…
2. Ubuthi wam khamsinya ebehamba, wandinika izitshixo zendlu yakhe,
D. Mandikuxelela into, thina sin ezitshixo zento enkulu kakhulu kunebanki, sinezitshixo zasezulwini
1. Mat 16:18 Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa. Mat 16:19 Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.
E. Izitshixo zanikwa kwicawa; Izitshixo zasezulwini zikwivesi 15…
1. 1Ti 1:15 Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna;
2. Ilziwi likaThixo lithembekile! UYesu wafika ukusindisa aboni,
a) ukusindisa abantu abanjengoPawulos (v13); abantu ababi, ababulali
b) (v9)- wayengafiki ukusindisa abantu abalungileyo, kodwa abantu ababi v9b-10.
3. Izitshixo zasezulwini zivangeli –
a) 1Co 15:1 Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo, 1Co 15:2 nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa. 1Co 15:3 Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, 1Co 15:4 nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo; 1Co 15:5 nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini.
4. Singamaqina wendaba ezilungileyo. –Abantu abagulayo, bangaphiliswa, aboni bangaxolelwa, bangasindiswa
5. Sineedaba ezilungileyo!
F. Nangona sinexesha elidlulileyo elimbi, NjengoPawulos, thina nathi singafumana inceba nobabalo olukhulu, thina nathi sifumana uxolelo, nomsebenzi omkhulu
1. (V15)wathi, “ endingomkhulu kubo mna; “ UThixo wayemthemba uPawulos. uThixo ubasebenzisa abantu abazibona ngoluhlobo,
2. Ingaba uzibona njani?
G. UPawulos wayengumntu omtsha ngenxa ivangeli, ngomsebenzi kaThixo
1. 1Kor 15:10 Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.
H. uPawulos wayeligosa levangeli, 1Co 9:16 Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo! 1Co 9:17 Kuba xa ndikwenzayo oko ndinokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.
I. NjengoPawulos, singamagosa wevangeli. –
1. Khumbula levesi; ivesi elusizi kakhulu: 1Co 15:34 Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.
J. uThixo wayemthemba uPawulos…uyakuthemba!
II. (V16) UPawulos ungumzekelo wecawa
A. Wayetshutshiswa kwaye Wayenombulelo, kuba wayekhumbula injongo yakhe, wayekhumbula ivangeli;
1. uPawulos kwakumele abulalwe, kwakumele aye esihogweni; wayengubulali
2. Kodwa uThixo wambonisa ubabalo, UThixo wayemthemba. Uyakuthemba.
B. v12- uPawulos wayenombulelo – wayenezinto ezininzi zokuba nombulelo
1. Ngomsebenzi wakhe (v12)
2. Ngenceba likaThixo ebomini bakhe (v13)
3. Ngobabalo nokholo (v14,16)
4. Ngosindiso lwakhe (v15)
III. (V18-20) uPawulos wayeyala uTimoti ukulwa ngazo ukulwa okuhle
A. Ukulwa okuhle kukulwa ngokholo;
1. (v19) Ithi ngesingesi, bamba,”Holding faith and a good conscience”
2. Ubambe Ukholo Lwakho, shumayela ivangeli,
B. Kwakukho abantu babengabambi inyaniso, babengabambi iimfundiso ezintle, uTimoti wayeyalwa ukuthethela bona; Khumbula v3
C. (V20) UPawulos wayelumkisa uTimoti ngabo,
D. Ubambe Ukholo Lwakho, shumayela ivangeli,
1. Ngumyalezo olula
E. Kukulwa! – Ayizoyenzeka nje! Kuzobakho abantu abazochasa iimfundiso ezintle, bazofundisa iimfundiso zeedemon.
UThixo osezulwini uyakuthemba, mthembe uThixo; azokukhathalela, akazokutshona
— Ingaba unomoya wombulelo?
— Awubambi ukholo lwakho/ithemba elihle ukuba awunombulelo!
— Awuzokwazi ukusasaza/spredisha iindaba ezilungileyo nomoya ombi, ongenathemba! (Ukuba awunathemba uqhathwa nguSathana ukukholwa ubuxoki, uqhathwa nguSathana ukulibala iindaba ezilungileyo)
— Awuzokwazi ukuziphatha kakuhle ecaweni ngaphandle komoya wombulelo!
0 Comments