Written by Jeremy Hall

February 28, 2020

Ukudla Ubomi KunguKristu
KwabseFilipi 1:11-18
“Ukudla ubomi” Ukuphila ubomi = yinto lento kuwe?
For abantu baseMelika, kukuphila iphupha laseMelika. Lonto ithi, ukuphumelela/ukuhluma/ukuba ngumntu otyebileyo. – Uzoba nomsebenzi olungileyo ozowuthanda, Uzoba nomfazi, inoba abantwana ababini (hayi kakhulu), nezinto ezininzi (indlu, iimoto, netoys.
-Xa unezizinto zonke uphila ubomi, Unobomi ngokugqitheseleyo (uYohane 10:10). Kodwa le yinto uYesu awayithethayo xa wathi ungaba nobomi obugqitheseleyo?
-For umKristu Yinto ukudla/ukuphila ubomi? UPawulos apha wathi :KwabaseFilipi 1:21  Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.
-nguPawulos apha, “ukudla ubomi kunguKristu” kwaye “ukufa kuyinzuzo”
-Yintoni le? Ukudla ubomi kunguKristu?
Ndizonibonisa izinto ezinthathu apha esahlukweni 1 ezicacisa ukudla uKristu.
Ukudla uKristu…
I. Zihambayo iindaba ezilungileyo (ukuphilela ukuspredisha iindaba ezilungileyo v12)
           A. (V12)”Ndindiga ningazi” = UPawulos wayefuna ukuqiniseka ukuba abantwana
               bakhe (elukolweni) babeyazi into,
                  1. Babemthanda uPawulos; Babeqonda ukuba uPawulos
                     wayesentolongweni; inoba wayezobulalwa ngokholo lwakhe kamsinya
                  2. Babekhathazekile ngaye; UPawulos uyabhala lencwadi ukuncedisa bona,
                     Ufuna ukuba abantwana bakhe baphila noxolo/novuyo
                  3. Ingaba ungaphila noxolo/novuyo xa uqonda ukuba utata wakho
                     usentologweni kwaye inoba khamsinya uzobulalwa?
            B. Ithi, “ndinga ningazi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo”; ingaba zeziphi
               izinto ezimhleleyo uPawulos? V13
                  1. UPawulos wayethetha ngeentambo zakhe, ezi zinto ezazizenzeka kuye
                   zazizenzeka ngenjongo.
                  2. Zazizenzeka “ezihambayo iindaba ezilungileyo”
            C. Ezi ziindaba ezilungileyo ithetha ngokuba abantu bangafumana uxolelo
                lwezono zabo, bangafumana uxolo noThixo, ngokukholwa kwindlela kaThixo,
                ngokukholwa kuYesu Kristu nomosebenzi wakhe emqamlezweni; ukuba
                baqonda iimeko zabo, bangaqonda iindaba ezilungileyo,
                   1. UPawulos wayephilela uKristu/zihambayo iindaba ezilungileyo
            D. uPawulos wayesokola apha; Wayeqonda ukuba izinto ezimbi ezazizenzeka
                ebomini bakhe, zazinejongo; uThixo wayezisebenzisa ukuspredisha/sasaza
                 ivangeli
                   1. Le ayinto ozova kakhulu ecaweni, kodwa kumele. Abantu abazophilela
                       uThixo bazosokola.
                   2. UPawulos wayeqonda lento, kodwa wayefuna ukukhumbula abantwana
   bakhe ngecebo likaThixo.
                   3. UThixo wayesebenzisa into engalunganga for into elungileyo.
            E. Funda ivesi 29 “nababalwa” = isigesi ithi, nanikwa-  ukwenza ntoni? Kukholwa
                kuye “nokuva ubunzima” – sizova ubunzima – “ngenxa yakhe”
                   1. Ubunzima unikwa njengesipho, njani?
                   2. Kwenzeka ntoni exesheni ubunzima? Umntu uphakanyiswa – Xa ubukela
                       iindaba, ubukela ntoni? Abantu ubunzima babo, ngaphandle kobunzima
                       babo, zange ubone ubuso babo
             F. Apha uPawulos wayesexesheni lobunzima, kwaye into yayenzeka, uPawulos
                 wayephakanyiswa emehlweni kaKesare (4:21-23)
                    1. UThixo wayenabantu endlini kaKesare ukuba babedinga ukuva ivangeli.
                        Ngaphandle kokusokola kukaPawulos, zange ibiyenzeka.
                    2. UPawulos wayefuna ukusetyenziwsa nguThixo, kwaye uThixo
                        uyamsebenzisa (ngedlela yakhe)
             G. UThixo wayesebenzisa ukuhlupheka/sokola kaPawulos ukuspredisha
                  ivangeli.
                     1. Khumbula amazwi kaYesu Kristu:
                     2. Mat 10:22  niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke
                         onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. Mat
                         10:23  Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba
                          inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki
                          uNyana woMntu. Mat 10:24  Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi
                          wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe.
                      3. 2Ti 3:12  Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo
                          kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.
               H. Thina, siyafana. Ukuba sizophilela uThixo, sizosokola, kodwa singasokola
                    ngedlela ehlukileyo xa sikhumbula ukuba ukusokola kwethu kunenjongo.
                I. Thina, kufuneka sifunde ukusokola ngedlela elungileyo.
                      1. Asikhalazi njengabantu behlabathi, silindela ukuhlupeka nokusokola,
                          kwaye silindela ukuba uThixo azosebenza intlupheko ngozuko
                          nembeko yakhe.
                      2. Abanye abantu bayajonga indlela yethu yokuphila, babejonga uPawulos
                          (v13)
                      3. (V14-18) Kwaye babechapazelwa ngaye, nangona esentolongweni,
                          ubomi bakhe buyakhuthaza abanye abantu ukuphilela uThixo;
                          ukusokola kakhuhle; sidinga ukufunda ngokusokola kakhuhle.
                 J. Singakwazi xa sikhujuzwa njengabantu baseFilipi.  Sindinga izikhumbuzo
                     oko.
                        1. Xa sifunda ilizwi sizobona ngokuphinda phinda amabali wabantu
                            abasokola kakhulu, kwaye babemzukisa uThixo.
                        2. Sikhujuzwa ukuba lehlabathi alilo ikhaya lethu, singabantu abadula
                            apha, silindela indawo encono, noBawo oqibeleleyo.

You May Also Like…

Ukucikideka Komntu

Ukucikideka Komntu

Ukucikideka Komntu (The Proof of the Man) KwabaseFiliphi 2:16-24 Ukuba umntu ubugocagoca (ubuxilonga) ubomi bakho,...

Ukoyisa Ukukhalaza 

Ukoyisa Ukukhalaza 

Ukoyisa Ukukhalaza  KwabaseFilipi 2:12-18 Ndinomyalzo namhlanje ongasincedisa sonke. Lomyalezo ongasincedisa nesono...

Sigcina Njani Ubunye

Sigcina Njani Ubunye

Sigcina Njani Ubunye (KwabaseFilipi 2:1-11) Sibone ukuba lencwadi yonke ithetha ngovuyo. Noba yintoni imeko yethu,...

0 Comments

Submit a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *