Kutheni Iimfundiso Zibalulekile?

Written by Jeremy Hall

March 27, 2020

Kutheni Iimfundiso Zibalulekile?

1Timoti 1:3-11

Namhlanje, sizoqhubekeka esahlukweni sokuqala,  UTimoti wayeshiwa eEfese ukuncedisa icawa, kodwa wayedinga uncedo; wayengumfundisi omtsha eEfese, omncinci,

Injongo yalencwadi = 1 Timoti 3:14-15 Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya. 15 Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.

UPawulos wayebhalela uTimoti ezi zinto ukuze icawa yayikwazi ukuziphatha,

**Sizofunda namhlanje ukuba sizoziphatha kakuhle ecaweni kuzofuneka sibeneemfundiso entle.**

Ndithethe nabantu kwaye baninzi bacinga iimfundiso zizinto azibalulekanga; bacinga, iimfundiso zihlula abantu, bacinga, bonke abantu banezimvo zabo ngeemfundiso; Bathi iimfundiso azincedisi icawa. Icawa yayibe yindawo encono ngaphandle kweemfundiso. Batsho kumele sithanda abantu nje.

–Mandikuxelela into, iimfundiso zibalulekile kakhulu kuThixo! Ngaphandle kwimfundiso asikwazi ukuthanda abantu, asikwazi ukuziphatha ecaweni. Siqhubekeka esahlukweni sokuqala ukufunda ngokuziphatha ecaweni. Khumbula, icawa Yeyakhe kwaye…UThixo ufaka abantu esikhundleni (positions) ecaweni yakhe (v1). Kwaye…

I. uThixo usebenzisa amadoda anothixo elukholweni (njengoPawulos) ukuncedisa amalungu ukufumana izikhundla zabo
A. (v3) UTimoti wayeshiywa eEfese nguPawulos; uPawulos waymazi uTimoti, wayengumntu o-qualified ngomsebenzi (khumbula ukuba nomqweno wokwenza into ecaweni into ebalulekileyo, kodwa ayinto yonke)
1. uPawulos wayebona lento ebomini bakhe.
B. uPawulos wayenguMpostile, wayezoqala awanye amabandla, wayenobizo lwasezulwini ukuya eMakedoni (Izenzo 16:9)
1. Abantu baseEfese babedinga umfundisi, uTimoti wayengumntu ngomsebenzi
C. uTimoti wayalelwa ukuyalela abantu baseEfese ukungafundisi imfundiso embi
1. Icawa, 3:15…Yintsika nesiseko sayo inyaniso. iCawa kumele ibe yindawo yokufumana inyaniso –
II. Iimfundiso zikaThixo zibalulekile
A. uPawulos wayemkhumubza uTimoti ngemfundiso ezilungileyo
1. Kukho iimfundiso ezilungileyo nemfundiso ezingalunganga;
2. Iimfundiso zibalulekile kuba isiphelo semfundiso elungileyo (ephilileyo) bubomi, kodwa isiphelo semfundiso esingalunganga (yedemon) kukufa.
B. Imfundiso elungileyo /entle- 4:6 Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.
1. UTimoti wayeyazi imfundiso entle/kaThixo, wayeyilandela.          ithi, “Nawemfundiso entle oyilandelayo” -Wayefundiswa iimfundiso ezilungileyo nguPawulos.
2. Wawungumsebenzi kaTimoti, njengomfundisi,”ukuzibeka imfundiso entle phambi kwabo”- ngumsebenzi wabafundisi bonke!
3. Le ncwadi, 1Timoti, yabizwa Incwadi yabafundisi
C. Kodwa, Kwakukho iimfundiso engalunganga, zeedemon: 4:1 Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
D. V3b Wayeyalelwa ukuxelele bona, “Yekani!”  
1. (V4) kwakukho abanye apho eEfese babefundisa iimfundiso ezingalunganga
2. (v4a) Babengena ecaweni namabali amasiko abo, kwaye babe zama ukumixa/xuba izinto zabo nezinto zikaThixo
3. ( v4b)Babengancedisa abantu, babebidisa abantu.
a) Inyaniso izocacisa izinto; iimfundiso zeedemon, “Zizinto ezibanga iimbuzwano” (babenika abantu imibuzo ngaphezu kwiimphedulo)
E. (V5)uTimoti wayalelwa nguPawulos ukuyalela abantu baseEfese ukungafundisi imfundiso embi= kwaye instingiselo yoyalo iluthando, uTimoti kwakufuneka akhumbule lento ngokuya wayezoncedisa bona.
1. luxelela umntu inyaniso, nesimilo esilungileyo;
2. 1Co 13:4  Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali
3. uThando lunomonde, kodwa ; Babengaqondi ukuba icawa yayiyindawo yothando oluyinyaniso, Icawa”yintsika nesiseko sayo inyaniso”
4. uTimoti wayeyalelwa ukuncedisa bonke
F. (V6-) Abanye baseEfese babetshitsha inyaniso, babedinga uncedo lukaTimoti
1. Abantu basoloko bangena ecaweni nesiko labo, namabali, nezenzo zabo (xa abantu abatsha bangena ecaweni, bengena nemphahla yabo)–
2. Mandikukelele into, amasiko ehlabathi angento yanto nesiko likaThixo.
3. Ngaphandle kokufunda ilizwi likaThixo asikwazi umahlukokwiimfundiso zikaThixo neefundiso zeedemon.
4.  UThixo usinika iimfundiso ephilileyo
G. bona babengayazi umahluko (v7) babenomqweno wokufundisa, babengayazi babefundisa ntoni.
1. Kwaye nanamhlanje abantu abaninzi bayazama, kodwa abayazi bafundisa ntoni
III. Thina, siqonda, “Sayazi” injongo yemithetho. (V8)
A. KumaGalata 3:24 Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.
B. Abantu abafundisa imfundiso entle, baqonda injongo yemithetho
a) Baqonda imithetho ayikwazi ukugcinwa. Kwakukho umntu omnye onako ukuyigcina imithetho yonke, wayenguYesu Kristu
C. Imithetho Yanikwa ukubonisa abantu bonke imeko yabo phambi koThixo. Ukuba imithetho iyasetyenziswa for enye injongo, iyasetyenziswa ukufundisa iimfundiso zeedemon
1. Ithi KwabaseRoma 3:20 Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
2. Abantu bonke bamdaka, babi, badinga ukuvaswa/hlanjwa ukuze bangaba noThixo.
3. Abantu abalungileyo abadinga imithetho; Ukuba ungumntu olungileyo, awuphula imithethi; kodwa KwabaseRoma 3:10 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;
4.  So Sonke sidinga ukuva imithetho,
D. “Umthetho waba ngosikhaphela” kuncedo = kuYesu Kristu, ukuze singakholwa kwiindaba ezilungileyo.
E. singagwetyelwa, hayi ngemithetho, hayi ngemisebenzi eyilungileyo, hayi ngobanako bethu ukuyigcina imitheto, kodwa “ngokwaselukholweni”, ngokukholwa kwindlela kaThixo ukusindiswa
F. (V9-10) Ngemithetho, singaqonda singaboni sonke. imithetho yayinikwa ukubonisa imeko yethu
G. (V10b-11) v8 Ukuyisebenzisa imithetho kakhuhle/ngendlela eyiyo, kukuyisebensia ukujolisa abantu kuYesu Kristu.
1. Ukuba imithetho iyasetyenziswa for enye injongo, iyasetyenziswa ukufundisa iimfundiso zeedemon
2. Ukuba umngumtu okholwayo, ngoku ungumntu omtsha; ungumntu olungileyo ngoku; Awudingi imithetho;
a) ugcinwa ngothando lwakho for uThixo wakho,
3. Awuyidinga imithetho ngaphandle kokuyisebenzisa ukuncedisa abanye abantu ukuze bangaqonda imeko yabo.

–Thina, ukuba sizoziphatha kakuhle ecaweni, kufuneka sikhumule injongo yemithetho.      — Kufuneka sikhumbule ukuba iimfundiso zibalulekile. –Kufuneke sikhumbule icawa, “yintsika nesiseko sayo inyaniso” Kwaye, uThixo ufaka amadoda ecaweni ukusincedisa (ukuze singafumana isikhundla sethu).

–Ingaba ungumntu onjengoTimoti?

You May Also Like…

Ukuzikhathalela Ngokwakho

Ukuzikhathalela Ngokwakho

Ukuzikhathalela Ngokwakho 1 Tim 5:3-18 - Khumbula kwakukho ingxaki ezininzi kulecawa. - Lendawo ithetha...

Ukunyula Abakhokeli Ebandleni

Ukunyula Abakhokeli Ebandleni

Ukunyula Abakhokeli Ebandleni 1Timoti 5:17-25 - Ukuba ubufunda lencwadi nathi, uyaqonda; uTimoti wayeshiywa nguPawulos...

0 Comments

Submit a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *