Intshayelelo Yencwadi KwabaseFilipi: Incwadi Yombulelo
1:1-5, Izenzo 16
Ndiqinisekile ngentando kaThixo ngobomi bakho. 1Th 5:18 Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.
Yintando kaThixo ngobomi bethu.
Lencwadi yincwadi yombulelo: Lencwadi ingasifundisa ukuba novuyo, noba yintoni imeko yethu.
-Kumele sibenomoya wombulelo oko. Kodwa ukuba sithetha inyaniso, asinawo oko. Izinto ezingalunganga zizenzeka ehlabathini, ziba uvuyo lwethu.
Singabulela uThixo amaxesha onke. UThixo akasiyaleli ukwenza into ukuba esinganokwazi ukuyenza ngamandla akhe.
Zininzi ivesi endizithandayo kulencwadi.Kwaye lencwadi ithi Php 4:4 Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.
Emva koko ithi, Php 4:13 Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.
Andazi ngawe, kodwa ndifuna ukuba novuyo, ndifuna ukuba nombulelo kuThixo nasemaxesheni amabi.
Ibali: Abantu baseFilipi, Lecawa noPawulos, babenembali (they have history).. (V1) UPawulos, noTimoti umtwana wakhe elukholweni, Babebhala lencwadi kubantu abakholwayo;”abakhonzi bakaYesu Kristu.”
(Izenzo 16)
Babekwazana = Encwadini yeZenzo (lencwadi ithetha ngembali yecawa), Esahlukweni 16 uPawulos wafumana iphupha/ubizo lokuya eMakedoni kuThixo. – uThixo unika amaphupha (khumbula uYosefu)
uPawulos wafika eFilipi, wamazi umfazi othiywe uLidya (16:14). Yena nendlu yakhe yonke yasindsiwa yabhaptizwa; UPawulos wamenywa ukuhlala nokuqhubekeka ukusebenza eFilipi; kwaye omnye umntu owayesindiswa (umangaliso wawenzeka); umfazi owayenama demon wasindiswa,
Kodwa, bonke bantu babengathandi lonto. Lomfazi, ngedemon yakhe, wayekwazi ukuwenza imimangaliso. Kwaye lomfazi wayenomnini (inoba wayengumkhoboka) owayenomsindo kuba ngoku umnini wayezoluza imali. Lomfazi wasebenza njengegqirha/Sangoma
Mandikuxelele iidemon ziyayenza imimangaliso; not njengoThixo; azikwazi ukuvuka kwabafileyo,
Isityileo 12:9 – zenza imimangaliso ukulahlekisa/ukuqhatha ihlabathi
Abantu babesenza imali for iminyaka eminizi ngomsebenzi kaSatan needemon, lomfazi wayenguSangoma/igqirha.
Umnini wayengumntu omkhulu esixekweni, -Abantu baseFilipi babemfaka uPawulos entolongweni (Kuba babeluza imali).
Kodwa uThixo wayenoPawulos; wenza umangaliso(16:25-27); wavula amacango, kodwa uPawulos wahlala
(16:28-32) uPawulos washumayela bona, kwaye umgcini-wetolongo nosapho lwakhe lonke lasindiswa, labhaptizwa.
Aba Abantu yayicawa yaseFilipi, uPawulos wayenobuhlobo obukhethekileyo nabo. UPawulos wayengutata wabo elukholweni. Wayengumntu ozuza imiphefumlo yabo kuThixo. Ngenxa ukuthobela kukaPawulos uya eMakedoni, abantu abaninzi baseFilipi babengabantwana bakaThixo.
–Babenabo ubudlelwane bosapho. Le Yicawa!
Kodwa uPawulos wayenguMpostile/missionary. Wayenomsebnezi omkhulu wokwenza. Wayengakwazi ukuhlala eFilipi. Ibandla/icawa yaseFilipi yayinoxanduvo enkulu ngoku, kwakumele iqhubekeka ukusebenza. (Njengecawa yonke)
uPawulos wayezohamba kwenye indawo ukuqala enye icawa.
Waphuma kodwa, abantu baseFilipi babemthanda kakhulu, babefuna ukumncedisa emsebenzini wakhe. Babemncedisa.
Kuba umntu oshumayeli ivangeli kumele aphilele ivangeli
1 Cor 9:14 Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi. –
Kwaye umntu ova ivangeli unoxanduva ukuqiniseka ukuba umntu oshumayeli ivangeli angatya, unemali ukuze angaphila
(V5) Le vesi ithetha ngoncedo lwabo kuPawulos. Babemcedisa ithi “kususela kwimini yokuqala…” kwimini yokuqala kukaPawulos ukusebenza eMakedoni, abantu baseFilipi babemncedisa.(babemnika imali, iminikelo)
Lencwadi yincwadi yombulelo! A thank you letter.
– Wakhe wabhala incwadi yombulelo?
– Ndikukhuthaza namhlanje; endaweni yokucwalisa intloko yakho nezikhalazo, zama ukubulela umntu
– uSatana akafuni ukuba ube ngumntu onombulelo- Le yintando kaThixo! Kwaye xa wenza intando kaThixo, izinto ezilungileyo zizenzeka.
– uSatana uzoqiniseka ukuba ugxila kwizinto ezingalunganga;
– ukuba ufunda iphepha ndaba uzobona ntoni? izinto ezingalunganga.
– ukuba ubukela iindaba ngokuqinisekileyo uzobona izinto ezihlula abantu, ezikunika umoya wokhalazo.
Kufuneka wena uthatha isiqgibo, ingaba ndifuna intando kaThixo ngobomi bam?
ukuba uyayifuna, kufuneka utshitshe iigcingo zakho.
Kuleveki nonke ninomsebenzi wasekhaya. Kwaye umsebenzi wasekhaya ungatshintsha ubomi bakho
Bhala incwadi yombulelo kumntu – kumama wakho – kutitshala wakho,
Sonke sinento yokubulela – Sisindisiwe!
0 Comments