Intshayelelo YeNcwadi kaTimoti
UTimoti 1:1-2
UPawulos wayebhalela uTimoti ezi zinto ukuze icawa yayikwazi ukuziphatha, “ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo.”; uTimoti, ngelaxesha, wayengumfundisi omtsha, omncinci
Injongo yalencwadi = 1 Timoti 3:14-15 Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya. 15 Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
Kufuneka sikhumbule into,
I. Icawa ayiyoyethu, yeyikaYesu Krestu,
A. Mat 16:18 Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.
B. ULuka wasilumkisa encwadini yeZenzo 20:28 Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.
1. Ukuba ulilungu lecawa, ithi, “awazizuzelayo” = ithi ngesingesi, uYesu awayithengayo icawa, “purchased”, ngegazi lakhe.
2. Wayethenga imiphefumlo yabantu, wayebhathala ityala elinkhulu
3. Ukuba ndithenga into, yeyam! Ngakhumbi ukuba ibhathala ixabiso elinkhulu; Ndinamalungelo onke. Ndinelungelo lokuthatha isigqibo sokuyisebenzisa njani (sokuyipeyinta, sokuyilungisa, njalo, njalo)
C. Icawa yeyikaYesu Kristu, amalungelo onke nga-wakhe. Thina asinamalungelo ngothatha isigqibo ecaweni, kufuneka simbuze uYesu, Senza ntoni… Apha kulencwadi uYesu wayenikela uPawulos imiyalelo ukunika kuTimoti… (1 Tim 3:14-16)
Yeyakhe kwaye…
II. UThixo ufaka abantu esikhundleni (positions) ecaweni yakhe (v1)
A. Ukuba ufuna ukwenza into, lonto ayithi kumele wenza lonto; Umnqweno yinto ebalulekileyo, kodwa ayinto yonke.
1. KwabaseEfeses 4:11-12 Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi,12 ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu;
B. UThixo unika izipho ezihlukileyo, iitallents ezihlukileyo,
1. KwabaseRoma 12:3-8 3 Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo. 4 Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. 5 Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo, 6 nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo; 7 nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo; 8 nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
C. Amalungu onke anomsebenzi wokufeza – “sinezibabalo” sonke, ukuba ulilungu lomzimba kaKrestu, ukuba ungumKristu, unomsebenzi wokufeza; “sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye”
1. Cinga, Ukuba iinzwane zakho, zihlala endaweni yemphumlo, uzoba nobuso obubi
2. Ecaweni yethu, Sinamalungu ahlala endaweni ezingalunganga kuba awanye amalungu awaphakamisi. (Umzekelo, xa kufuneka ndihlabele, njengomlungu ongakwazi ukucula)
D. Xa amalungu onke asendaweni elungileyo, icawa inomstalana
III. UPawulos Wayefakwa NjengoMpostile (v1)
A. Wayezazisa njenguMpostile, Kodwa, wayengazazisanga kuba uTimotiwayengamazi yena. uTimoti wayemazi uPawulos kakhulu. (V2)
1. Lencwadi izosetyenziswa/izofundiswa kwezinye iicawa, uPawulos waqala lencwadi njengezinye iincwadi zonke kuba abantu babedinga ukuva lonto.
B. Yintoni umpostile? (Kumele wazi lento kuba besifunda ngawo, kodwa for abantu abatsha bethu)
1. Umpostile = ngumntu othunyiweyo. Abapostile babengabantu Babesetyenziswe nguThixo ukufaka isiseko sokholo;
a) KwabasEfese 2:20 nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo
2. Babengabantu abanyuliweyo nguThixo, abantu abakhethekileyo
a) Babenikwa amandla akhethekileyo; ukwenza imimangaliso
b) Izenzo 2:43 Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile.
c) Izenzo 5:12 Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni kaSolomon.
3. Khumbulani kutheni, Kutheni uThixo wayebanika abapostile amandla akhethekileyo?
a) KumaHebere 2:1-4 1 Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. 2 Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; 3 sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo; 4 uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?
C. Ndizonixelela lento ngokucacileyo endinako; Asinabo abapostile namhlanje; sinelizwi likaThixo lonke, iBhayibhile isisityilelo esigqibeleleyo sikaThixo kwabantu.
1. Ukuba kukho abapostile bayazongeza izinto kwilizwi likaThixo
2. Isityilelo 22:17-19 17 UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa. 18 Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; 19 ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.
Apha uPawulos wanika uTimoti amazwi kaThixo, amazwi amatsha for yena. Ngamazwi amadala ngoku, — Ngamazwi wobomi — Ngamazwi wemiyalelo kwicawa — Ngamazwi kaThixo
0 Comments