Injongo kaThixo Ngebandla Lakhe
(Ibhalwe nguMfundisi Sipho Bonga)
Ibandla kufuneka lisebenze njenge ntsika nesiseko yenyaniso v15
“ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.” KUTIMOTI I 3:14- 15 XHO75
Umbozo wokuguqula: Uthetha ukuthini uPawulos xa esithi ibandla yintsika yenyaniso?
UPawulos ubiza ibandla nje ngendawo “yokuxhasa inyaniso.” uthetha ukuthini ngalento? Kuqala kufuneka sijonge ukuba yintoni intsika. Ngelaxesha intsika yayinemisebenzi emithathu: (1) Yayixhasa izitatyu kwaye nophahla lwezindlu. (2) zazibekwa phezulu ukuze wonke umntu azibone. (3) Zazibekwa emarikeni ukuze izaziso zixhonywa kuzo. Ama-Efese wayeyiqonda kakuhle lento ngakuba phakathi kwetempile yisithixokazi soba kwakukho intsika iziyi127. Njengokuba ibandla intsika yenyaniso kufuneka ibonaka iyixhasa, iyaphakamisa, kwaye iyipapasha(iyivakalisa) inyaniso. KwaseFilipi 2:14-16
Izinto zonke zenzeni ningenakukrokra, ningenakuthandabuza, ukuze nibe ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; nibe ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala esazulwini sesizukulwana esigoso, esigwenxa; enithi phakathi kwabo nibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini, nibambelele elizwini lobomi; nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjako andifumananga ndabulaleka. KWABASEFILIPI 2:14-16 XHO75
“nibambelele elizwi lobomi” lona ngumsebenzi webandla. Sibizelwa ekuthini siyibembe inyaniso ngexesha apho abantu bengayifuni inyaniso ngexesha besonela kukulandela ubuxoki botshaba.
1 KaTimoti 3:15
Umbuzo wokuguqula: Uthetha ukuthini uPawulos xa esithi ibandla lisisiseko senyaniso?
Ilisiseko senyanyaniso njani ibandla? Isiseko sibamba isakhiwo siqine ukuze singawi, ngakumbi ngexesha lenqwithelo. Ngendlela efanayo, ibandla libamba inyaniso liuiqinise liyigcine ekonakaleni akanye ekulahlekeni.
Kwabase-Efese 2:20 uthi, “ nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile* nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo;” KWABASE-EFESE 2:20 XHO75
ibandla lakhe phezu kwemfundiso zabapostile nabaprofeti. Xa esithi uPawulos ibandla lisiseko senyaniso, wethetha ngobomi nempilo: ibandla lixhomekeke kwinyaniso ngaphandle kwayo aliphile alikho. Inyanisa ngumsebezi webandla, ukuyigcina, ukuyisasaza, ukuze ibandla lihlale likhona lindinga inyaniso; nenyaniso ixhomekeke ibandleni ukuze likhusele kwaye liyipapasha.
Umbuzo ngokuyisebenzisa: Ibandla lingenza njani ukufeza olubizo lukaThixo lokuba yintsika nesiseko senyanisa?
1. Ibandla amaKristu kufuneka alifunde alazi iLizwi likaThixo. “Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo úcikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.” KUTIMOTI II 2:15 XHO75
Esinye sezizathu zokuba kutheni amaKristu anemfundiso ezingezizo ubakhuthalelanga ukufunda iLizwi likaThixo. Bamkela izinto abazixelelwa ngabashumayeli, endaweni yokuzigqala iziBhalo. Izenze 17:11 ithi ngabaseBhereya, “ La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.” IZENZO 17:11 XHO75. Ukuba awulifundi iLizwi likaThixo, yokubambelainyanisweni, uzakubambelela ebuxokini uphele ufundisa ubuxoki uThixo engavumelaniyo nayo.
2. Ibandla lamKristu kufuneka balikholwe iLizwi likaThixo.
Lento bekungekho sidingo sokuyithetha, kodwa ngelishwa, ifanela ukuthethwa. AmaKristu amaninzi awayikholwa iBhayibhile. Abazikholwa izinto ezifundisayo ngendalo, ngosindiso, ngomsebenzi wendoda nowomfazi, okanye iphakade. Kukhula isizukulwane samaKristu angalikholwayo ilizwi likaThixo. Bakhetha indawo abazithandayo. Uthi uPawulos, “ Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo. KUTIMOTI II 3:16-17 XHO75. Khange athi “EZINYE” iziBhali kodwa uthe “SONKE” isiBhalo. Uthe uYesu kuMateyu 4:4 “Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa , Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo. UMATEYU 4:4 XHO75. Kwakhona, akathi “AMANYE” amazwi kodwa uthe “ONKE” amazwi.
Ukuba ibandle lizakuba yintsika nesiseko senyaniso, kufuneka sizikholwe zonke iziBhalo. Ingaba uyalikholwa iLizwi likaThixo?
3. Ibandla amaKristu kufuneka siliphile iLizwi likaThixo.
KuYakobi 1:22 ithi, “Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela.” EKAYAKOBI 1:22 XHO75, Ukuba ibandla lizakuba yintsika nesiseko senyaniso, kuzakufuneka babambelele kwimfundiso ephilayo kwaye bayiphile. AmaKristu amaninzi awayiphili into abayishumayelayo. Xa siphila esonweni, siyayinyelisa inyaniso. KuTimoti I 4:16, “Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.
KUTIMOTI I 4:16 XHO75
Ingaba uyayingqinela inyaniso ngoku yiphila?
4. Ibandla amaKristu kufuneka bafundise inyaniso.
Mateyu 28:18-20 uthi, Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.
UMATEYU 28:18-20 XHO75
Sonke sabizelww ukuba senze abafundi ngokufundisa yonke into uKristu asiwisele umthetho ngayo, lento ibandakanya zonke izoBhalo. Xa umKristu eyeka ukufundisa inyaniso ngokuba ingathandwa, okanye esoyika. Akayiyo intsika nesiseko senyaniso. Ngelishwa, namhlanje amabandla amaninzi enza lonto. Bayasifihla isibane selizwi likaThixo ( Mateyu 5:15). Xa sisenza lento abafuna inyaniso abakwazi ukuyifumana inyaniso (ehlabathini nasebandle).
Ingaba uzakuyifundisa inyaniso apapashe bonke bayive? Isiseko soluntu siyabhideka ngenxa yokuba inyaniso ayiyo ayisakholwa. Ngoko ke umntu angakhetha isini afuna ukuba siso. Masiyivakailise inyaniso nokuba ayisalangazelelwa.
“livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, únako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.” KUTIMOTI II 4:2 XHO75
Isiphelo:
Ibandla ngabantu bakaThixo awababizayo, wabahlanganisa ngejonga. Kungakuhle ukuba sigqale ukumkhonza kwethu ngamaxesha onke ukuze singayekeleli kwaye siliba injongo kaThixo.
- Ingaba uyalinceda ibandla lifeze injongo yalo?
- Ingaba ubaliphatha ibandla njengosapho?
- Ingaba ubanako na ukoyika kuba usebukhoneni bukaThixo xa nihlangene njebandla?
- Ingaba uyabambelela inyanisweni kwaye upapashe kwabo bauimamelayo?
.
0 Comments