iCawa Yintsika Nesiseko Sayo Inyaniso
1Timoti 3:14-16
Esisahluko sithetha ngabakhokeli; Khumbula sithetha ngabakhokeli: umveleli, umfundisi. – Kodwa sonke singabakhokeli. Kukho umntu omncinci kunathi, ofunda ngathi (Umzekelo, abantwana bakaJosh nabantwana bam).
Khumbula, Sonke singumzekelo/siyifoto for omnye umntu (pattern Tito 2:7Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle; ). —Amadoda amakhulu for amadoda amatsha Abafazi abakhulu for abafazana, abazali for abantwana, njalo njalo.
Umbuzo olungileyo? – Ufundisa ntoni?
Khumbula kukho iimfundiso entle/ephilileyo, nemfundiso embi/zeedemon: Kukho iimfundiso ezilungileyo nemfundiso ezingalunganga;
– Iimfundiso zibalulekile kuba isiphelo semfundiso elungileyo (ephilileyo) bubomi, kodwa isiphelo semfundiso esingalunganga (yedemon) kukufa.
Babendinga abakhokeli abanothixo…babedinga ifoto elungileyo. UPawulos weyefuna ukuba khona nabo…(v14-15a). Wayengakwazi. Ukuba umfundisi Mark umfundisi wakho uswelekile, okanye akhekho ingaba wenza ntoni? – (v14-15) – Ezi zinto zazibhalwe ukuphendula lombuzo – uzodinga omnye mfundisi, iimfuneko zizokunika ifoto elungileyo, kawye ezi zinto…
I. Zibhalelwa ukuze wazi izinto
A. Hayi lencwadi nje, kodwa Izibhalo ezincwele zonke, zibhalelwa ukusincedisa
1. 2Ti 3:16 Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,2Ti 3:17 ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.
2. Kuzobakho abantu abazokuxelela ukuba “ezi zincwadi zezethu, ezinye azizozethu, so awudingi ukuzifunda.” – ZONKE iincwadi kumele zifundwa nguwe kuba zonke zikwancedela ukufundisa …
II. (V15b) Zibhalelwa ukuze wazi ntoni? ukuziphatha “endlini KaThixo”
1. Sifundiswa ukuziphatha endlini yakhe, hayi endlini yakho, hayi endlini yam.
2. Ukuba ungena endlini yam, ngokuqinisekileyo uzofunda indlela yam, uzofunda ngesiseko lam.
a) Uyayazi, Uyakutya ngendlela ehlukileyo kunam; ukuba usendlini yam, uzofunda indlela yam yokuphatha, yokutya, yokucoca, yokuphila, njalo njalo
b) Endlini yam ihlukile kunedlu yakho; sibulela uThixo phambi kokutya, inkosikazi yam iyapheka, kodwa uzozikhonza/uziservisha.
B. Ukuba sisesitratweni, okanye ndisendlini yakho ndizozama ukulandela isiko lakho
C. UPawulos wayenikwa imiyalelo ngoThixo malunga ukuziphatha njani endlini yakhe. Icawa yeyakhe
1. Kwaye icawa ayindawo, asisakiwo, icawa ngabantu abakholwayo (KwabaseEfese 2:19-21, silusapho olutsha, siziindalo ezintsha)
D. Khumbula uthetha ngobomi bakho. Ngoku awunalo ulungelo ukuxelela uYesu uzokwenza ntoni ngobomi bakho,
1. Ukuba ungumKristu, ubomi bakho abubakho; Bobakhe!
2. 1Co 6:19 Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?
3. 1Co 6:20 Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.
4. Ukuba ubomi bakho bobakho, awungumKristu;
E. Amalungelo awodwa onawo, ngamalungelo uYesu awathi unawo; Amalungelo akho abhalelwa eBhayibhileni. Kuba ngoku uyindlu kaThixo.
1. Xa sindisiwe ufumana lento, Uyayifuna lento
2. Ngoku luxanduvo lwakho ukuphanda/ukubona/ufunda nokuthobela imiyalelo yakhe/isiko lakhe. Ukuba awufuni ukumthobela awungowakhe.
F. (V15) Sikhonza uThixo ophilileyo; wazinikela ubomi bakhe emqamlezweni.
1. Abanye oothixo bonke, abanye abakhokeli bonke babesweleka, bafile! uMohamad, uBudda, uConfucius, njalo, njalo
2. Kodwa thina, sikhonza uThixo ophilileyo
G. Kwakungekho abantu abamthatha ubomi.
1. 1Yohane 3:16 “… wasincamela (thina) ubomi bakhe”
2. Sikhonza uThixo ophilileyo
H. Kumele sazi ntoni? Ezi zinto zibhalelwa ukuze sazi ukuziphatha endlini yakhe
III. Kumele uwazi, uyintsika nesiseko senyaniso
A. Ukuba awufuni ube yintsika nesiseko senyaniso, awufuni ube ngumtwana kaThixo.
B. Abantwana bakaThixo BONKE bayintsika nesiseko senyansio
1. Iintsika zipali; kumele ufunde IZenzo 19:27-28 ukuze ungafumana ibali lonke. Uzofunda ngoArtemis (uDiana)
2. Ngokuqinisekileyo ngokuya abantu baseEfese babeva amazwi kaPawulos apha ngentsika, entlokweni yabo, babecinga ngetempile kaArtemis; uArtemis wayenguthixo oyifaki kwabaseRoma; Waziwa njengothixo wenyanga; the moon goddess. kwakukho itemplie enkulu egameni lakhe eEfese (into injengeTable Mountain), into entle, Tourist attraction.
3. Kwakukho iintsika eziyi 127 zegolide ejikeleleza kwitempile; ezi zipali, zazinto ezintle zokubona, zaziphakamisa uphahla (roof)
4. Zazinomtsalana, zazitsala abantu kwitempli yothixo oyifeyiki, uArtemisa.
C. Thina, siyintsika nesiseko senyaniso
1. UThixo wakhetha thina, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi sibe yintsika nesiseko senyaniso
2. Siphakamisa inyaniso,
a) UYesu waphakanyiswa emtini, siyamphakamisa yena
b) Joh 12:32 Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.
3. Umyalezo wethu wonke, ufunyanwa kwivesi 16
4. 3:16 Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: lowo wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.
D. Uyintsika nesiseko senyaniso!
Ndizophela umyalezo wam nombuzo ebendiwuqala ngawo
1. Ufundisa ntoni? Uzayazi iimfundiso? Ufundisa ntoni?
2. Ufundisa bani?
3. Ingaba uqonda ukuziphatha endlini kaThixo? Ukuba awuphakamisi uYesu, ukuba awufundisi abanye, awuziphathi kakuhle ecaweni.
4. Sasaza v16 (ngumyalezo wethu)
Ezizinto zibalelwa ukukuncedisa! Zifunde, zithobele!
0 Comments