Yima Ezintweni Owazifundayo
2Tim 3:10-17
Udinga umntu ozokuxelela, Azikho iindlela ezilula – no short cuts (v2-6)
Apha uPawulos umxelela uTimoti ukuma, “yima ezitweni owazifundiswayo.”
Kuba kukho isilingo esinganguqukiyo (oko/constant).
– Sukutshilex/phola, sukuyeka. –
Yi yoo lonto bendithanda umzekelo kaPawulos ukuba njengomdlali, esahlukweni (2:5)
- Kufuneka siqonde iziseko zokholo, kwaye sidinga izikhumbuzo rhoqo ukuma kuzo. (fundamentals, stick to the fundamentals)
- uPawulos khange amxelela uTimoti ukuhlala phantsi kwizinto azifundileyo, wamxelela ukuma, kwakuzothatha umzamo omkhulu
2Ti 3:10 Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo,2Ti 3:11 iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke.2Ti 3:12 Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.2Ti 3:13 Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.2Ti 3:14 Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye;2Ti 3:15 nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.2Ti 3:16 Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,2Ti 3:17 ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.
Ndizoqala ekupheleni ndibuyela… Sime entweni? Isikhumbuzo sokuqala…
- Sonke Isibhalo, IBhayibhile yonke Ivela kuThixo (v16-17)
- Ithi “siphefumlelwe” (balloon)
- Lencwadi ayingowamazwi womntu
- ewe, uThixo wasebenzisa amadoda ukubhala phantsi ilizwi lakhe
- 2Pe 1:20 nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. 2Pe 1:21 Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.
- Abaprofeti nabapostile babelifumana ilizwi, lalivela ngqo kuThixo Eph 2:20 nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo;
- Abantu bazohlasela ilizwi likaThixo; sidinga ngaphakathi kwisiseko sethu – lencwadi yinyaniso. Kumele ibekhona iqinile.
- Ingaba ukholwa iBhayibile? ukholwa iGenesis 1? wadala amazulu nehlabanti ngemini ezi7, ihlabathi ayikholwi lonto
- KwabaseRoma 4:3 …UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki…
- “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje;” Sikholwa lento, asilwa malunga nalonyaniso.
- Abanye bacinga ngumsebenzi wabo ukukhusela iBhayibhile
- IBhayibhile ayidingi ukuyikhusela ngathi; uThixo uyaligcina ilizwi lakhe likhuselekile
- Mat 5:18 Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.
- 1Pe 1:25 Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo.
- Asidingi ukulikhusela ilizwi; Senza ntoni nalo?
- Eph 6:17 Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;
- Heb 4:12 Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
- Silijikelezisa njengekrele, ngokuyishumayela; Cinga ngendlela uThixo awubona amadoda apha ehlabathini azama ukukhusela ikrela. Ayivakali! uThixo akadingi uncedo lwethu lokukhusela iBhayibhile
- UTimoti wayefundisa lonto esemncinci (v15 “nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele”) ngoMama nomakhulu wakhe(2Tim 1:5), nangoPawulos (3:10)
- Yima kule nyaniso
- Ithi “siphefumlelwe” (balloon)
- Izibhalo Zivela kuThixo Ngenjongo Ukutyila Usindiso (v15)
- Izibhalo, ukusuka ekuqaleni kuye esiphelweni, zisibonisa isidingo sosindiso “ukulumkisela” = to warn, to make wise to
- Umntu udinga ukusindiswa esonweni, kwiziphumo zesono sakhe (sonke sonile, akukho lungisa hayi nalinye Rom 3:10),
- Umntu udinga ukusindiswa kwisohlwayo sesono sakhe.
- uThixo unikela umntu wonke ehlabathini lonke ithuba ukufumana uxolelo ngesono sakhe –
- Izibhalo ezigcwele zityhila indlela yosindiso
- Indlela kaThixo yokusindisa aboni kukunika abantu ithuba ukuva kwindlela yakhe.
- Ukuguquka nokukholwa kuYesu Kristu- siqonda ukholo luphuma elundabeni udaba ke lukho ngelizwi likaThixo (Rom 10:17)
- ukholo luvela njengesipho sikaThixo ngokumamela izibhalo ezingcwele. Lubabalo lukaThixo! ubabalo lukaThixo luvela komshumayeli weendaba ezilungileyo.
- uTimoti wayekhuthawza ukuma “ezintweni awazifundiswayo”
- Keep the main thing the main thing!
- Izokuba ngumlo, uSatana uzofaka izinto ezininzi endleleni yakho ukukuphazamisa,
- Xa sima ezintweni esizifundayo, zizobakho iintshutshiso
- Ukuba uqala ukulijikelezisa ikrele uzosika abantu
- bazoba nomsindo
- xa uwenza lento, xa ulandela iimfundiso zikaPawulos/zikaYesu Kristu, lindela iintshuthiso (v11-12)
- Xa uxelela abantu ukuba iscience bubuxoki, bazoba nomsindo; uThixo ungumdali wethu, njengomdali unelungelo lonke ukusixelela senza ntoni ngombomi bethu, bazoba nomsindo
- Xa uxelela abantu uThixo wadala indoda nomfazi
- Xa uxelela abantu ukuba uThixo uzonda homosexulaity
- Asilwa nabantu ngezizinto, sibaxelela nje
- Ukuba uqala ukulijikelezisa ikrele uzosika abantu
-
- uPawulos kange amxelela uTimoti ukuhlala phantsi kwizinto azifundileyo, wamxelela ukuma, kwakuzothatha umzamo omkhulu
- Sindinga ngaphakathi kwisiseko sethu
- Lencwadi yinyaniso -iBhayibhile yonke ivela kuThixo
- Ivela ngenjongo ukutyila usindiso
- Xa sima ezintweni esizifundayo, zizobakho iintshutshiso.
0 Comments