Ubengumlungiseleli Omhle (III): Ukujongana Nesono Ecaweni
1Timoti 5:1-2
Kwakhuko impixano (conflict) ecaweni, iingxaki ezininzi ecaweni yaseEfese. Lencwadi yayibalwa ukuncedisa uTimoti ukukhumbula nokuqonda iimfundiso zikaThixo nokuzibeka phambi kwabantu basecaweni.
Ukuba wayezoba ngumlungiseleli omhle, kwakufuneka wayezibeka ezizinto ngaphambi kwabo. – Ukuba ufunda kakhuhle uPawulos wayejongana nezono ezininzi ecaweni yaseEfese kulencwadi.
1. 1:7 Kwakukho abantu babezama ukufundisa ecaweni babengaqondi iimfundiso eziphilileyo, babengaqondi izinto abazithethayo
2. 2:8 ngokuqinisekileyo amadoda ayephakama ecaweni, ayethandaza kodwa ayengahambi kakuhle, ayethandabuza, ayengakholwanga; ayethandaza ukuva kakuhle nje.
3. 2:9 kwakukho abafazi nabafazana babenxiba kakubi.
4. 3:1-7 Abanye babezama ukudlala esikhundleni somfundisi, somlungiseleli ngaphandle kokuzalisekisa iimfuneko zolumlungiselo. (esahlukweni 3 uThixo wasinika iimfuneko zomfundisi, khumbula umqweno ulungile kodwa ayinto yonke oyidingayo ukuze uthatha isikhudla ecaweni, icawa ayiyo yethu, yeyikaYesu; uYesu wenza umgaqo/imithetho.
5. Kwaye esahlukweni 4 Abanye babeqala ukufundisa iimfundiso zeedemon. Babejikela kwizinto zehlabathi,
6. Kwaye kwesisahluko abanye oomama babezama ukufumana uncedo lwecawa, kodwa babengenabo ubunqina obulungileyo, bokukhonza ecaweni, babengasebenzi babehamba indlu nendlu behleba, Kwaye babelindela ukufumana uncedo lwecawa.
Kwesisahluko (5) uPawulos wanikela iimfuneko zokufumana uncedo lwecawa, for abahlolokazi. Bonke kwakungameli bafumene uncedo lwecawa, kodwa abo babelungiselela/khonza ecaweni, abo banabo ubungqina obulungileyo.
UPawulos wayethetha ngezizinto zonke kuba kwakukho abantu abangoluhlobo ecaweni. (Basakhona namhlanje)Sizofunda ngokujongana nesono ecaweni ngendlela elungileyo, ngokusebenzayo…
I. Kuqala kufuneka ubenesizathu esilungileyo (4:16,5:1-2)
A. (5:1-2)Icawa ilusapho, kwaye kufuneka sikhumbule lento xa sijongana isono
1. Ukuba uthanda umntu uzomxelela inyaniso (umzi watsha, galela amazi)
2. Ukuba uSiyabonga udlala ngomlilo, ndizomlumkisa kuba ndiyamthanda, uzozizonzakalisa – asikwazi ukudinwa ngokuxelela inyaniso (Fil 3:1)
B. ukuba ubona into engalunganga elusaphweni ngumsebenzi wakho ukujongana nalonto – isizathu sakho sibalulekile! Sokuncedisa!
C. Pro 27:6 Akholekile amanxeba omhlobo; Kodwa yingxungxu ukwanga kotshaba. (Faithful are the wounds of a friend…)
D. Pro 27:5 Kulungile ukohlwaywa ekuhleni Ngaphezu kothando olusitheleyo. (Open rebuke is better than secrete love.)
E. Uqeqesho kukhokela kwizinto ezilungileyo – sudela uqeqesho lukaThixo.
1. Pro 3:11 Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, Ungakruquki sisohlwayo sakhe;Pro 3:12 Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.
2. Luzokukhokela kobulumko, kobeko, noyolo
II. Kufuneka uzame ubengumzekelo ngomlungiselelo omhle(v11-12)
A. Ayinamsebenzi ukuba ungumntu omncinci elukholweni,
1. 1Ti 4:12 Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.
2. Indlela eyiyo “It’s more caught than taught.” Iyabanjwa kakhulu kunokufundiswa
B. Kufuneka sibenobuqina obulungileyo, sibenesazela ezicocekileyo, kwaye kufuneka sivule umlomo wethu. Sithetha!
C. Ngelishwa abazalwana abaninzi abajongani nesono kuba basathanda ukudlala naso
D. Kwakhona ubudala bakho abubalulekile, kodwa ubunqina bakhe bubalulekile
1. akhomntu omcinci ukujongana nesono kodwa ikhona indlela elungileyo yokujongana isono ebomini bomntu omdala kunawe
III. Uqeqesho Kufuneka luvela Ngendlela Elungileyo (5:1-2)
A. Kufuneka sibonise abantu bonke inhlonipho/imbeko elungileyo. Ithi “musa ukuyithethisa kabukhali” – qhapela ngendlela yakho yokuthetha nabantu abadala kunawe. Indlela yakho yokuthetha ibalulekile. Uqeqesho unobubele, ilulama (gentleness)
1. Kukuncedisa, kukutslala umntu kwicala elilungileyo, hayi kukugxotha (chase away) – sibaleqa (persue/follow) ukuze baguquke njengosapho.
2. Gal 6:1 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe. Gal6:2 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu; Gal 6:3 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
B. Luxanduvo lwakho ukuhamba nokuthetha nobhuti/sisi wakho elukholweni ohamba esonweni
1. uMateyu 18:15-20 Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. Mat 18:16 Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.Mat 18:17 Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.
C. Sinencingo ukuba sijongana nesono ebomini bomnye umntu sicinga sibagweba/sibajaja. Kodwa, Bubuxoki bukaSathana!
Sibancedisa bona! — Xa ufunda ukujongana nesono ebomini bomnye umntu ngendlela elungileyo – uzobakhokhela kobulumko, nembeko, noyolo — Uzobangumlungiseleli omhle!
0 Comments