UThixo UyaKubiza – Ifoto Elungileyo
uTimoti 3:1-7
—Nakhe nadibanisa ipuzzle? – Kunzima kakhulu ukuyidibanisa ngaphandle kwesiciko/kwefoto. (most bazoncama) —Kwaye Sonke singumzekelo/siyifoto for omnye umntu (pattern (Tito 2:7)). —Amadoda amakhulu for amadoda amatsha Abafazi abakhulu for abafazana, abazali for abantwana, njalo njalo.
—UThixo uqale umsebenzi omkhulu eEfese. Kodwa zisekhona izinto eziseleyo. Yiyoo lonto lencwadi yayibhalwa; Kwakukho izinto eziseleyo ecaweni zaseEfese. Into eyayisele eEfese yinto efanayo neseleyo namhlanje = Yayimizekelo yokulandela, – sonke sidinga umzekelo wokulandela!
uPawulos wamshiya uTimoti (njengoTito eKrete) eEfeses ukuze abantu baseEfese babeqonda ukuziphatha ecaweni ( 3:14-15) Kwakukho izinto eEfese ezazidinga ukufakwa kwindawo yazo. uThixo apha unika uTimoti ifoto yomzekelo wokulandela – ibonakala njani?
— Sibona iimfuneko zomveleli/mfundisi/zendoda enkulu (v1 umveleli, umfundisi , indoda enkulu = lamagama athetha into enye = iBhayibhile isebenzisa lamagama interchangeably)
– Ezizinto zibalulekile, zaphindwa kwincwadi KaTito – Ibonkala njani ifoto elungileyo yomfundisi
I. Luqala Nomnqweno (V1)
A. Umnqweno yinto ebalulekileyo. uThixo uyabiza abantu. Abasebenzi! Namhlanje ubizo lukaThixo luqala ngomnqweno.
B. uThixo osezulwini akathethi nathi njengabaprofeti nabapostile, ngaphandle (ngamaphupha, ngeengelosi) Ubizo lwakhe luvela kwindlela ezinthathu.
1. Usebenzisa ilizwi lakhe, elibhaliweyo- written word
2. Usebenzisa iminqweno ngaphakathi- inward urge
3. Usebenzisa iimeko ezingaphandle -outward circumstances
C. uThixo uyabiza abantu. Abasebenzi!
1. Joh 4:35 Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.
D. Ndicinga abantu abaninzi bayabizwa nguThixo, kodwa bambalwa bayamphendula.
1. Abaphulaphi ilizwi likaThixo, so abafumani iminqweno emitsha.
2. Fili 2:13 Kuba nguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.
3. Xa uva ilizwi lakhe, xa uva intliziyo yakhe, intliziyo yakho izotshitsha ifane neyakhe. – kuba uyamthanda
a) ukuba ndiva umnqweno womfazi wam, ndizozama ukufeza intando yakhe. (umzekelo, Indlu entsha yethu)
E. Abaprofeti babenawo umnqweno (emva kokuva ilizwi)
1. ekuqalekeni komsebenzi kaYeramiah, wathi Jer 1:4 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,Jer 1:5 Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga. Jer 1:6 Ndathi mna, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, andikwazi ukuthetha, ngokuba ndingumntwana.Jer 1:7 Wathi uYehova kum, Musa ukuthi, Ndingumntwana: ke uya kuya kubo bonke endikuthuma kubo; konke endikuwisela umthetho ngako, uze ukuthethe. Jer 1:8 Uze ungaboyiki, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.
2. Abaninzi abaphenduli ubizo kuba, banjengoYeramiah, basoyika. Kodwa mamela amazwi akhe esahlukweni 20
a) Jer 20:9 Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha egameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.
F. Abapostile nabo babenawo unqweno
1. uPetros noYohane bathi Act 4:20 kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.
2. uPawulos wathi 1Co 9:16 Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela.Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!
3. Act 18:5 Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.
G. Abantu baseEfese babedinga umfundisi, uTimoti wayenomnqweno, wayengumntu ngomsebenzi
1. UThixo wafake entliziweni kaTimoti umnqweno
H. Ukuze icawa ingaziphatha kakuhle kuzofuneka ibe khona umveleli, umzekelo, umkhokeli
I. Umqweno into ebalulekileyo, kodwa ayonto yonke
1. Kwakukho abantu babezama ukufundisa –(1:7) babenomqweno wokufundisa, kodwa babengayazi babefundisa ntoni, babengayazi iimfundiso!
2. Kwaye nanamhlanje abantu abaninzi bayazama, kodwa abayazi bafundisa ntoni
II. Kukho iimfuneko zomveleli – Iimfuneko zimeko ezingaphandle
A. UThixo usinika iimfuneko, Khumbula icawa yeyakhe
B. Iimfunko zisinika ifoto yomfundisi, Khumbula njengoPawulos wayengumzekelo wokulandelwa, uveleli/umfundisi ngumzekelo/ngumkhokeli ecaweni
C. Ifoto elungileyo, ibonakala njani? (V2) “Ngongenakukhalazelwa”; encwadini kaTito uPawulos wayesebenzisa elinye igama “ungongenakumangaleleka” (blameless) (v6)
1. – Ngumntu onesimilo esilungilyo, ngaphakathi, nangaphandle
a) Intsingiselo = To have nothing in one’s conduct on which someone could base an accusation or fault, or a complaint
2. Ukuba umntu angazalisekisa lo mfuneko uzozalisekisa zonke iimfuneko. Ezinye izinto zonke zidwelisiwe (listed) zicacisa lemfuneko; (v2-7)
3. Ibonakala njani indoda engongenakukhalazelwa?
a) Kufuneka ube ngumntu engongenakukhalazelwa ebomini bakhe (personal life)
b) Kufuneka ube ngumntu ongongenakukhalazelwa emfundisweni yakhe
(1) uTimoti wafundiswa kakhulu nguPawulos; ifoto elungileyo ayitshintshi; ayizotshintsha; “ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso” (isiko lethu lizoyitshitsha ifoto ngexesha, isoloko liyatshintsha)
(2) Kufuneka ulazi ilizwi likaThixo – yiyo loo nto engakwazi ukuba ngumntu omtsha elukholweni,
c) Ifoto elungileleyo ngumntu oqonda icebo likaThixo for ikhayalakhe, for icawa yakhe, for ubomi bakhe, kwaye ulilandela
D. Ukuba ezazimeko ezingaphandle zingafezwanga, lomntu akabizwa lomsebenzi, akabizwa kwisikhudla somveleli
Kufuneka ube ngumntu ongongenakukhalazelwa emfundisweni yakhenaseluhambweni lwakhe,
— Icawa ephilileyo inabantu abaphilieyo, Ineefoto zokulandela, hayi umfundisi nje.
— Ewe, iqala nomfundisi, Kodwa Luxanduvo lwakho ukuphila njengomntu ongongenakukhalazelwa, ekhaya — ebomini bakho (private life) — nasemfundisweni – uveleli yifoto yakho.
Thandazela umfundisi wakho, mamela ilizwi likaThixo, inoba ayakubiza ube ngumfundisi.
0 Comments