Kumele Senza Ntoni Kwi-Lockdown NjengamaKristu?

Written by Jeremy Hall

April 2, 2020

Kumele Senza Ntoni Kwi-Lockdown?

1Timoti 2:1-8

Sikwi-lockdown kwaye Sonke sinezimvo/iimbono ngezenzo nangeziqibo ezithathwa ngabakhokeli bethu ngoku.

Sonke sinelungelo lokuba nezimvo zethu, kodwa Ingaba kumele ibe imphedulo yethu kwi-krasis yethu (ixesha lobunzima)?

Itext yethu, esahlukweni sesibini, encwadini yokuqala kaTimoti, isixelela ngokucacileyo imphendulo yethu: – Njengecawa besifunda kulencwadi for inyanga enye ngoku, siqubekeka esifundweni sethu. Kwaye, eli lixesha elifanelekileyo ukufika apha kwi-text yethu (uThixo uzisa izinto ebomini bethu ngexesha elilungileyo).

(V1-3) – Yinto entle, “oku kuhle” = emehlweni KaThixo wethu

I. Ukuba abantu bonke bathandaza
A. Siyalelwa ukuthandaza
1. 1Th 5:17  Thandazani ningayeki.
B. Akufuneka sisecaweni ukuthandaza. Ndiyikhumbula kakhulu icawa, Ndithanda ukuya ecaweni,
1. Kufuneka sikhumbule inyaniso ngelixesha
2. Rom 13:1  Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.Rom 13:2  Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa. Rom 13:3  Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
3. Njengokuba kubaliwe apha, kumele sithobele amagunya wethu
4. Ngokuqinisekeliyo, ukuba amagunya wethu asiyalela ukwenza into ngokuchasa ilizwi likaThixo, asivumi! Asithobeli
a) umzekelo, njengokuyeka ukushumayela. – Ukuba basiyalela ukuyeka ngokushumayela – njengebomi bubabapostile, asivumi! yayenzeka ebomini boPetros noYohane,
b) Senza ntoni? Act 5:29  Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.
c) Batsho, Act 4:20  kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo. (Asikwazi ukuzigcina ngokuspredisa iindaba ezilungileyo).
(1) Asikwazi ukuthula, ngakumbi ngoku, abantu badinga ithemba
d) Kodwa ayomeko yethu namhlanje, imeko yethu ihlukile
C. Akufuneki sihlanganisi ukuthandaza; thandaza endlini, emfihlekweni
1. uMateyu 6:5-6 Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.Mat 6:6  Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
D. UThixo fikeleleka kuthi, ngoYesu Kristu, naninina, noba ndawoni. Yinto entle, “oku kuhle” = emehlweni KaThixo wethu Ukuba abantu bonke bathandaze
II. Sithandazela ntoni?
A. (V1) Ngabantu bonke (underline)
B. (V4)Ngabantu abalahlekayo, abasasesonweni, ukuba basindiswa esonweni/kwingqubo kaThixo/isohlwayo sesono
1. 2Pe 3:9  INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.
C. (V4b) ithi, “bafikelela ekuyazini inyaniso”
1. Inyaniso ithi, (V5-6) Kukho indlela enye ukufumana uxolo noThixo,
2. uYesu = ngumlamli; Ngumsebenzi kaYesu Kristu qha ukwenza uxolelaniso
3. uThixo ufuna ukuba bonke bafikelele ekuyazini inyaniso
4. (V7) Izokwenzeka ngawe, ngathi; ngabantu abanayo inyaniso, ngabantu abazovakalisa inyaniso,
5. Ithemba labo abalahlekayo, yicawa; Ngelishwa icawa yayiluza/yayilahla injongo yayo
a) 1Co 15:34  Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.
D. Senziwa ngexesha elingoluhlobo, ukuze sideliverisha inyaniso! Sithandazela abantu abalahlekayo nabanye abantu
E. (V2) Nabakhokeli bethu
1. uThixo afuna ukuva imithandazo yethu ngabakhokeli bethu
2. “Ukuze” = “sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke
3. Ingaba uthandazela ntoni? Abantu abalahlekayo? abakhokheli bakho? Ingaba uyawazi amagama abo?
4. Ngoku Ndizoninika uluhlu lwabakhokeli ukuze ungathandazela bona. Thatha ixesha kwi-lock down ukwenza into ekhule emehlweni kaThixo.
(1) Cyril Ramaphosa, Umongameli weMzantsi Africa
(2) Dr Zwelini Mkhize, Minister of Health for South Africa
(3) Ms Sindiswa Griselda Gomba – Minister for EC
(4) Acting executive mayor Thsonono Buyeye for PE
(5) Dr. Pakishe Aaron Motsoaledi, – Minister of Home Affairs

You May Also Like…

Ukuzikhathalela Ngokwakho

Ukuzikhathalela Ngokwakho

Ukuzikhathalela Ngokwakho 1 Tim 5:3-18 - Khumbula kwakukho ingxaki ezininzi kulecawa. - Lendawo ithetha...

Ukunyula Abakhokeli Ebandleni

Ukunyula Abakhokeli Ebandleni

Ukunyula Abakhokeli Ebandleni 1Timoti 5:17-25 - Ukuba ubufunda lencwadi nathi, uyaqonda; uTimoti wayeshiywa nguPawulos...

1 Comment

  1. Avatar

    Wenze kakuhle kwaye uyavakala kakuhle

    Reply

Submit a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *