Ukoyisa Ukukhalaza
KwabaseFilipi 2:12-18
Ndinomyalzo namhlanje ongasincedisa sonke. Lomyalezo ongasincedisa nesono ebomini bethu ngoku. Sonke silwa nesisono ebomini bethu; Isono sokukhalaza. Ndingumkhalazi; Ndikhalaza ngezinto zonke!
– Endaweni yokubulela uThixo ngombane, ndikhalaza ngeload shedding; (ndinabahlobo abahlala endaweni engenombani)
– Endaweni yokubulela uThixo ngetuba lokukhulisa abantwana, ndikhalaza ngabo (ndinabahlobo abangakwazi ukuba nabantwana)
– Endaweni ukubulela uThixo ngedawo yokukhonza, nabantu bethu, ndikhalaza ngabo abangekho
Ndinengxaki yokukhalaza. Kulonyaka ndizotshitsha (ngamandla kaThixo, ngoncedo lwakhe ndizokoyisa ukukhalaza.
Ingaba uThixo ucinga ntoni ngezikhalazo? Zange acinga kakhuhle ngazo: Niyakhumbula ibali lamaYuda? (iNum 13-14) Babezongena eKanana, abantu abayi12 bangena ehlabathini ukujonga, babuya; Abantu abayi 10 babekhalaza, uKalebe noYoshuwa qha babengakhalazi. Kwenzeka ntoni? Bonke babesweleka entlangweni, ngaphandle koYoshuwa noKalebe nabantwana. uThixo wayezonda/thiya izikhalazo zabo, kwaye wayebagweba!
1 Kor 10: 9-11 Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. (10)Kanjalo musani ukukrokra(ukukhalaza), njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. (11)Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.
Babekhalaza, babesokola iziphumo; uThixo uzonda/thiya izikhalazo!
Xa ndifunda ilizwi likaThixo, ndibona into enye qha endingayifumana ukuba ndikhalaza ngayo. — Izililo zikaYeremia 3:39 Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
Umbutho usifundisa ukukhalaza. If asifumani into esiyifunayo, siyakhalaze. Kwaye ukuba sithetha inyaniso, Sonke sinezinto ezininzi kunabantu ngaphambi kuthi (more things than the previous generation).
Khumbula ibali lencwadi; ukuba kwakhuko umntu okumele akhalaza wawunguPawulos, wayehlala entolongweni engenatyala.
Siyoyisa ukukhalaza njani?
I. Lusebenze, lufeze olwakho usindiso (v12)
A. UThixo wabeka/faka into phakathi kwakho; Usindiso! Into estha, ubomi obutsha; ukhona ngoku (usindiso)
1. Ngaphakathi, ukuba ungumtwana wakhe, ukuba ukholwe kuYesu ukuze ufumene uxolelo lwesono sakho, unento ngaphakathi,
B. Luxanduvo lwakho ukusebenza ngoku, ngesingesi ithi, “work out”; ukugyma.
C. Umntu omtsha ungayoyisa inyama; umntu omdala wakho wawungakwazi,
1. 2Co 5:17 Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.
D. Njengoba uzoba nomzimba ofit, kuthatha ixesha, if uzoba nomzimba omtsha ophilileyo, kuzothatha umsebenzi
1. Kuzofuneka ube nediet elungileyo, uyatya izinto ezilungileyo
2. Kuzofuneka uyeke ukutya izinto ezingalunganga. Sumamela abantu abakhalaza oko; suhamba nabo. Mamela abantu abanomoya wobulela, hayi abanomoya wokhalaza
3. Khumbulani abantwana bakaIsraeli, amadoda ayi10 achapazela abantu abaninzi, Qhaphela!
E. Kuzobanzima, kuzothatha ixesha, kuzothatha iinguquko (iintshitsho)
1. Ukuba awuvumeli ukwenzi iintshitsho, uzohamba njengabanye abantu.
F. Xa uyazama, uThixo osezulweni uzobona umsebenzi wakho, kwaye usikelela umsebenzi
II. UThixo uzokwenza umangaliso (V13)
A. Kuzothatha umangaliso for mna ukuyeka ukukhalaza
B. Kodwa uThixo uSomandla. Ukuba uThixo angakwazi ukusindisa umphefumlo wam, angakwazi ukundinika amandla ukoyisa ukukhalaza
1. Yinto encinci kakhulu kunosindiso; Kuyafana nesono sonke.
C. Xa uqala ukutshitsha idiet yakho, into emangalisayo izokwenzeka, uThixo azokunika imiqweno emitsha.
1. Uzofuna ukumkholisa, uzofuna ukuthobela ilizwi lakhe, Azokunika umqweno wokwenza intando yakhe.
D. Ngoku, enyanisweni sifuna ukukhalaza; asinomqweno wokubulelo uThixo ezintweni zonke
1. Sifundiswa lilungelo lwethu lokukhalaza
2. (V14) Kodwa siyalelwa nguThixo ukungakhalazi
E. (V15-16) Xa sikhalaza, ultimately sikhalaza ngoThixo, kwaye abanye abantu babona izikhalazo zethu, kwaye bacinga kakhubi ngoThixo wethu
1. Bacinga “ukuba uThixo wakhe ulungile angavumeli uyasokola/uyahlupheka”
F. Xa siyakhalaza, sikhalaza ngoThixo, kwaye sichapazela abanye, njengamaYuda entlangweni.
0 Comments