Sigcina Njani Ubunye
(KwabaseFilipi 2:1-11)
Sibone ukuba lencwadi yonke ithetha ngovuyo. Noba yintoni imeko yethu, singafunda ngokuba novuyo. Sibone, Ukuze sibeno vuyo, njengabakholwayo, kufuneka sifunde ukuphila uKristu; Sifunde
• Ukuphila uKristu kukuphila ukuspredisha ivangeli (zihambayo iindaba ezilungileyo), kwaye izokwenzeka ngokusokola,
• Ukuphila uKristu kukwenza mkhulu uKristu emzimbeni yethu, kwaye izokwenzeka ngokukhonza abanye.
• Ukuphila uKristu kukuhlala kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo, kwaye izokwenzeka ngokuba nobunye.
Sizoqubekeka ukuthetha ngobunye kusasa; Ukuba asinabo ubunye asizophumelela; iqela alinobunye alizowina, umzimba awunobunye ufile.Kodwa kuqala kufuneka siqiniseka ukuba siqonde kuthetha ukuthini ukuba nobunye.
– Abantu abaninzi babhida “ukuba kunye”/“ukuhlanganisa” nokuba nobunye. Kodwa, kukho umahluko omkhulu ngokuhlanganisa nokuba nobunye. Mandininike umzekelo wobunye nokuhlanganisana; Apha ndinebhegi. Ningabona, le ibhegi inamaphetyu. Amaphetyu onke ahlukile na? Abe kunye ewe? Ndinombuzo, Ingaba lamaphetyu anobunye? Hayi! ahlala kunye; kutheni? Ngenxa ibhegi, ngenxa into engaphandle.
– Ngelishwa ngumfanekiso weecawa ezininzi. Zihlanganisana, ziba kunye, kodwa ngelishwa ngenxa izinto ezingaphandle nje. Abantu baye ecaweni yabo kuba banentlanganiso yomama, kuba banechoir, bacula kamnandi, kuba banedawo entle, njalo njalo. — Kodwa if ezazinto azikho, kwenzeka ntoni necawa?
– Bazalwana, ubunye buvela ngento engaphakathi, hayi engaphandle. Ndinenye ibhegi apha, Ingaba zinto ezi? iimegnets. Ukuba ndikhupha ibhegi, ingaba izokwenzeka ntoni? Zizohlala kunye. Kutheni? —Kuba kukho into engaphakathi, amandla angaphakathi azicinga kunye – Ubunye buvela kwinto engaphakathi
– Le bhegi kumele ibengumzekelo wecawa, if izinto ezingaphandle ziyatshitsha, ayinamsebenzi, sihlala kunye; silawula ngamandla angaphakathi. Ngumfanekiso olunungileyo wecawa noMoya. NguMoya Oyincwele osinika ubunye.
uSatana akafuni sibenobunye; uzohlasela ubunye bethu oko. Kwaye uzozama ukusebenzisa izinto ezingaphandle kwicawa- njengohlupeka, nosokola, njalo njalo, Kodwa xa eza zinto azisebenzi, uzozama ukusebenzisa izinto ezingaphakathi.
UPawulos apha uyalumkisa/khumbuza abantwana bakhe ngezinto ezimbalwa
I. Babanobuye ngezinto ezingaphakathi kwabo
A. (v1-2) Kukho usizo, uthando, ubudlelane boMoya, (v2) imfesane, neemfele; uPawulos wathi, “luzaliseni uvuyo lwam”
1. Into eyizomnika uPawulos uvuyo, yayi logama wayehlala entolongweni, abantwana bakhe babenobunye; yayikuqonda ukuba abantwana bakhe babehamba kunye.
2. uYohane wathi, 3Yohane 1:4 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
B. If zinto zonke zabo zazithathwa kubo, njengo ebomini bukaPawulos, basanako ukuba nobunye. Kuba ubunye babo babungento engaphandle, babuyinto engaphakathi
1. Kwaye uSatana wayezama ukutshabalalisa lonto. usazama; Khumbhula; abantu badinga ukubona into ehlukileyo not into ephukileyo
C. Iintlaselo zikaSathana zivela kwizinto ezingaphandle (intshutshiso) nangaphakathi, USatana uzama utshabalalisa ubunye bethu ngokuthi asenze ukuba sijonge kwiziqu zethu, ngokusizixila kuthi (getting us to focus on ourselves).
II. Indlela eyodwa yokugcina ubunye (v3)“ngokuthobeka kwentliziyo”
A. Yintoni le? ngesingesi ithi “in lowliness of mind let each esteem other better than themselves” – udiga ukucinga ukuba abanye bancono
B. Ndindiga ukucinga ukuba abanye bancono kunam – Ihlabathi lisifundisa ukuba sonke siyafana, kodwa iBhayibhile isifundisa ukucinga ukuba abanye bancono kunathi.
C. (v4) Ukhathazekile kwabanye kuba ucinga bancono kunawe, uxabisa izimvu zabo
1. Xa ucinga umntu uncono kunawe, ubaphatha kwindlela ehlukileyo
2. Ndingakhumbula ngokuya sasebenza ePeru, ndamenywa ukutya nabantu basecaweni yethu oko,
3. Bandiphatha njengomntu obalulekileyo kakhulu, njengomongameli; njengalapha emcwabeni; mfundisi uphathwa kakhuhle. Ufumana ukutya okumnandi, indawo entofotofo ukuhlala phantsi, njalo, njalo.
D. Ukuba singafunda ukwenza lento nabantu bonke basecaweni sizocinga/khusela ubunye.
III. Xa Sijonga umzekelo kaYesu Kristu sizogcina ubunye (v7-8)
A. Wayengazicingeli uYesu ngokuya wayephuma ezulwini,
B. (V6-7) “esebumeni bukaThixo” – the form of God, ngaphambi kokufika apha – wayefana/ufana noThixo – wayenguThixo
C. Ngokuya wayefika apha ehlabathini, sewayenguThixo ngokugqibeleleyo
1. Wayenganyazeli abantu ukumkhonza
D. (v7) wabeka ecaleni ezinye izinto zakhe; njengozuko lwakhe, njengobekho lwakhe, udumo lwakhe; kwaye wayekhetha ukungasebenzisi amandla onke akhe. – umangaliso
1. Wafika apha kwaye abantu bakhe bamphika. Ukuba wayezicingela kwakumele ahlale ezulwini.
E. Wafika kuba wayecinga ngathi/ngawe/ngam. Wayecinga ngemeko yethu.
1. 1 Tim 1:15 Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna;
F. Wayesuka endaweni egqibeleleyo ukuze angasincedisa thina; “asindisa aboni”
G. Ewe, kamsinya bonke bazombona/bazogoba kuye(v9-11), kodwa ngokuya wayefika apha, wayezithoba, wayekhonza abantu
Ukuba sifuna ubunye, kufuneka sizithobe sikhonze abanye, sicinge ngabanye ncono kunathi.
Ukuba asinabo ubunye asizophumelela; uSathatana uzama ukutshabalalisa ubunye bethu;
Kufuneka sisebenze ukugcina ubunye;
Ncinga ngomsebenzi kaYesu Kristu, ngokutobeka kwakhe
0 Comments