Umlungiseleli Omhle
1Timoti 4:1-6
Khumbula abaphulaphuli apha ngokuya uTimoti wayefumana lencwadi; babengabantu baseEfese. Babengabantu abatsha elukholweni, babesuka kamsinya esikweni lehlabathi.
– Ngabantu abakholwayo: Abantu abakholwayo baseEfese babeshiya isiko labo.
– Abantu babo bonke, abazali, abamelwane, babekhonza oothixo bakaRoma; nabo ngaphambi kokukholwa kuYesu.
– Ubomi babo babexuba kakhulu noothixo wabo. Isiko lonke labo lalijikeleza ukholo lwabo. Khumbulani Babenayo itempile yeArtemis, sifunde ngayo kuleveki ephelileyo., besithetha ngesakhiwo (itempile yayinentsika eziyi127 ezijikelezayo).
– Izinto zonke abaziqondayo zazidibanisa noothixo bakaRoma; ngokuqinisekileyo baninzi bafumana imali (made their living) ngabo, yetourism, nokuthengisa izinto, njalo njalo.
Kufuneka ukhumbule lento ukuze ungaqonda lencwadi.
UTimoti wayengufundisi, wayengulungiseleli ecaweni yaseEfese; khumbula wayeshiywa nguPawulos ukwenza into 1:3 Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, ndenjenjalo ukukuyala nangoku, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi; – Babedinga imfundiso entle;
Sifuna sibengabalungiseleli abahle… sibe njalo
I. Xa Siphulaphula Isilumkiso SoMoya Oyingcwele (v1)
A. (V1) Kuzobakho abantu abazokholwa, abazongena ecaweni, kodwa bazojikela kwisiko labo,
B. ithi, “Ngamaxesha asemva” = uPawulos wayethetha ngexesha lethu ngoku. Ngexesha ngaphakathi kokuphuma nokubuya kaYesu Kristu.
C. Abafundisi, “nabakholwayo” bazoqala ukuxuba izinto zehlabathi. Nezinto zikaThixo
D. Mandicacisa into, amasiko onke ehlabathini anezinto zabo ezingoluhlobo; isiko lonke linoluhlu lwezinto zokwenza ukukholisa uThixo ukuza bafumana uthamsanqa.
1. Ukuba awuzenzi “ezi zinto”, ngoku uThixo uzoba nomsindo, akazokusikelela. (umzekelo wokuphawula uluhlu)
2. kwaye ngumsebenzi womlungiseleli olungileyo ukuxelela abantu bakhe inyaniso.
E. AmaEfese ayekholwa kwindlela yawo ukuphila, kwizinto zabo zokufumana ithamsanqa. Ayeqala ukuzifundisa ezizinto.
F. (V2-5) Esikweni labo (labantu baseEfese), isiko lalifundisa bona, Úkuba babefuna ukukholisa uThixo, Úkuba babefuna iintsikelelo zakhe, Úkuba babefuna uthamsanqa, ngoku babengakwazi ukutshata, babengakwazi ukutya inyama.
1. Babeqala elukholweni, kodwa into yayenzeka… (V2)“Inxenye iyaku mka elukolweni”, abanye bashiya ukholo lwabo… babeqala ukufundisa ubuxoki…Sisilumkiso soMoya!… basakhona nanamhlanje!
2. Ingaba uphela njani ngoluhlobo? ube nesazelo singoluhlobo?
G. Xa ungaphulaphi uMoya Oyingcwele,
II. Xa Sinesazela Esicocekileyo (v2)…(sibengumlungiseleli omhle)
A. Ngumsebenzi Womlungiseleli Olungileyo kukuphinda isilumkiso soMoya Oyingcwele
1. Ukuba uyayazi inyaniso kwaye ungathethi ngayo, qhaphela, usendleleni sokutshisa isazela sakho.
2. Ukuba abantu bakho basengozi isazela sakho sizokubetha, if sasingatshiswanga isazela sakho ngestimbi. Uzolumkisa bona.
3. Xa iBhayibhile ithetha ngokutshisa isazela ithetha ngoku-cauterize – ukuba unesilodo esingalunganga kakhulu, babesitshisa, yayikhupa iimvakelelo kamsinya. (Ukugwekelwa, nokucanwa kaMoya Oyincwele)
B. uTimoti wayeyazi inyaniso…Wawungumsebenzi kaTimoti ukuthetha ngokuchasa uthixo oyifeki yabo nokulumkisa bona ngendlela yabo
1. Ukuthetha ngokuchasa uArtrmis yayinto engalunganga kakulu esikweni labo.
C. Abapostile nabaprofeti bonke babetshutshiwa ngokwenza lonto
1. Xa uqala ukuthetha ngokuchasa isiko labantu, uzotshutshiwa
D. Ngumsebenzi wethu ukuthetha ngokuchasa oothixo abayifeyiki babantu bethu.
E. Ukuba umntu ukholwa kwenye into ngaphandle koThixo oyinyaniso nendlela yakhe ukumnika thamsanqa, iintsikelelo, usindiso, uxolo, izityebi, ukhuseleko, intsingiselo, nenjongo ebomini bakhe, lomntu ukholwa kwimfundiso zeedemon.
1. Esikweni lamaXhosa izinyanya zazisa ezizinto,
2. Esikweni labelungu imfundo (education, iiskills, (you going to “make your own luck”)
3. Esikweni labo babekholwa koArtemis, babezofumana abantwana abaninzi, uArtemi wayenguthixo wokuchuma – fertility God, lots of children mean lots of prosperity.
F. Ukuba uqinisekile ukuba izinyanya, imfundo, okanye oothixo zizokuzisela ithamsanqa, ubuqathwa ngeedemon… (v1)”ngomoya abalahlekisayo”, ubukholwa emfundisweni zedemon.
G. iimfundiso ezilungileyo zibalulekile. Zizokufundisa ukuba ezizinto zonke zifunyanwa kuYesu Kristu.
1. Sishumayela ivangeli kwaye sifundisa iimfundiso ezilungileyo
H. Iimfundiso eziphilileyo zikufundisa, kukho into enye (umntu omnye) ngaphakathi kuthi noThixo oyinyaniso, kukho umthetheleli omnye igama lakhe nguYesu Kristu
1. 2:5 Kuba mnye uThixo, mnye nomlamli (mthetheleli) phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu. (Uzisaxolelaniso nathi noThixo)
2. Not uMaria njengamaKatolika ayakholwa
3. Not uMohamad njengamaMuslim ayakholwa
4. Not izinyanya ngengamaXhosa ayakholwa
5. Not imisebenzi eyilungileyo, ukucinga uluhlu lwezinto, Kodwa uYesu Kristu
III. Xa Singcwalisa Izenzo Zonke Zethu Ngelizwi Nangomthandazo(v4)
A. Babeqala ukufundisa izinto ezingekho kwilizwi.
B. Kufuneka sithelekisa amazwi ethu nezenzo zethu zonke nelizwi, ukuze sibe nesazelo esicocekileyo.
C. Khumbula, senza izinto zonke esizenzileyo nesazelo esicocekileyo, kwaye indlela eyodwa yokwenza lonto, kukungcwalisa ngeliziwi nomthandazo
D. Kwaye (v6) umfundisi olungileyo, umlungiseleli olungileyo uzokukhumbuza ngemfundiso ephilileyo oko.
Mamela, ukuba ukholwa kwenye into ngaphandle koYesu Kristu, imfundo, izinyanya, omnye umntu, ukukunika ithamsanqa, iintsikelelo, usindiso, uxolo, izityebi; ukukunika ukhuseleko, intsingiselo, ijongo ebomini bakhe, ukholwa kwimfundiso zeedemon. (Guquka, kholwa kwigama likaYesu Kristu!)
Kukho abantu abaninzi apha ehlabathini abazama ukuxuba isiko lehlabathi nesiko likaThixo;
-Mamela isilumkiso soMoya – Gcina isazela esicocekileyo, Gcwalisa izenzo zonke zakho ngelizwi nomthandazo. — Qhapela!
0 Comments