“Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.“
“UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi: NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle”
IEKSODUS 20:1-3
INTSHAYELELO: Yonke into okanye umntu othatha indawo yokuqala ebomini bethu phambi kukaThixo, lonto nguThixo kuwe lo ngumxholo wothetho wokuqala. UThixo usixelela ukuba ngubani ekufuneka ebe kuqala ebomini bethu, ukuba ubomi bethu bezakumzukisa.
I. v.3 IMFUNO KATHIXO
A. Imfuno kaThixo ilula kakhulu. Ufuna ukuba kwindawo yokuqala kubomi bethu bonke. Uyazi ukuba bonke abantu bazakuba noThixo wohlobo oluthile, unyanzelisa ukuba ibe nguYe. (Isa. 34: 14 – “Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele” – NguThixo kuphela ofanele luthando lwethu kunye nokuzinikelakwethu. Akayi kuvumela izinto ezinqumlayo.)
B. Bambi banokubuza, “Akukho Thixo omnye na?” Ewe, mnye kuphela uThixo oyinyaniso, kodwa baninzi othixo bobuxoki! (UThixo uyinto yonke okanye ungumntu wonke esicinga ukuba unexabiso elikhulu okanye esicinga ukuba ubaluleke kakhulu, ngoko kude singamncamela ezona zinto zibalulekiyo kuthi, ozalisa intliziyo zethu ngothando. Yinto okanye umntu xa sinolahlekelwa nguye singashiyeka sidandathekile.)
C. Abantu ngendalo banokhonza ukunqula. Abantu bafumana umntu, okanye into, bayikhonze bayinqule. Amaxesha onke, izinto kunye nabantu zihlala zifumana indawo yokuqala ebomini bethu. Qaphela ezinye izinto esiziphakamisa kwisimo sikaThixo kubomi bethu.
1. UThixo weziyolo – “Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba zomnqamlezo kaKristu; abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba.” KWABASEFILIPI 3:18-19 –Iziyolo zehlabathi ezifana neziyobisi (Ungabandakanya: ukubawa, ukwabelana ngesondo, ezemidlalo, ukuzonwabisa,
2. UThixo Wezinto – “Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.” UMATEYU 6:24 XHO75. Abantu ababeka imali nezinto kuqala bangabanquli bezithixo! Sithembele kuThixo
3. UThixo wokuba ndibalulekile – “bona bananiséle ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.” KWABASEROMA 1:25 XHO75 – Xa umntu icinga ukuba ndim ndim, kwaye kufuneka kujongwe kuye, loo mntu ungumnquli-zithixo.
4. UThixo wezicwangciso noluhgiselelo – Nantoni na ehlala engqondweni nasebomini bethu ngapha okanye phambikukaThixo sisithixo!
5. Olu luhlu alunasiphelo. Umntu ungazenzela uThixo nangantoni. Masingavumeli omnye uThixo, ngaphandle koSomandla!
D. Ukuba benokubuza umntu ngamnye apha ukuba abize igama lomntu okanye into elawula ubomi bakho, nokuba ithini impendulo? Nokuba iyintoni na, loo nto okanye lomntu nguThixo wakho!
II. v 2 IZiZATHU ZIKATHIXO
A. UThixo wayenokwenza eli bango kuSirayeli kuba wabanyula, wabathanda, wabahlangula kwaye wabasikelela.
B. Sibeka phi na ke thina, wasithenga ngegazi lakhe? Simelwe kukuzinikela kuye ngokupheleleyo! Qaphela ixabiso alihlawulileyo:
1. Wehla evela ezulwini
Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso. UYOHANE 1:1, 14 XHO75
Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. KWABASEFILIPI 2:5-8
2. Wanyamezela ubuhlwempu kunye nobunzima
Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko. UMATEYU 8:20 XHO75
3. Waliwa yena ngabantu awayeza kubasindisa
Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma. UYOHANE 1:11 XHO75
4. Wabethwa
Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni. UMATEYU 27:26 XHO75
Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya. Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo? ULUKA 22:63–64 XHO75
* Wayetshicelwe – Mat. 27:30
*Wahlekwa – Mat. 27: 26-29
*Wahlaziswa – Mat. 27:35
*Etsalwa indevu
Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni. UISAYA 50:6 XHO75
5. Wabethelelwa emnqamlezweni
Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma. UYOHANE 19:20 XHO75
6. Wasweleka
Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe. Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe.UYOHANE 19:30, 33 XHO75
7. Wasithanda
UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolúlele inceba.UYEREMIYA 31:3 XHO75
Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. UYOHANE 3:16 XHO75
8. Wasamkela
Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; UYOHANE 6:37 XHO75
9. Wasisindisa
Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.KWABASE-EFESE 2:8–9 XHO75
10. Usihlambulule kwaye wasixelela sonke isono
Nani, nífile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso. Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni;
KWABASEKOLOSE 2:13–14 XHO75
11. Wasilondoloza
nina bàthe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela.KAPETROS I 1:5 XHO75
C. Unelungelo lokufuna ukuba abantwana bakhe bafumane ukunqulo yedwa. Awuvumi?
III. UXANDUVA INDODA
A. Zimbini kuphela iindlela onokuthi umntu aphendule ngazo.
B. Umntu unokuqhubeka nokubeka yonke into esemhlabeni phambi koThixo. Le yimvukelo kwaye iya kuphelela esihogweni indoda eyenza njalo, nokulahleka komvuzo kongcwele – “umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazísa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo. Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo , uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo. Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe ; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.“KWABASEKORINTE I 3:13–15 XHO75
C. Okanye, umntu unokuthobela iimfuno zikaThixo. Ukwenza njalo kuya kukhokelela kubomi obusikelelekileyo kunye nozuko lwaphakade.
D. Njengoko ujonga entliziyweni yakho, yintoni, okanye ngubani, yintoni akanye ngubani ohleli kwitrone yentliziyo yakho? Nantoni na okanye nabani na ngaphandle kukaYesu sisithixo!
Isiqukumbelo: Ngubani ozakuqala? Sinye isisombululo ngeizithixo kukuba uzizisekuThixo kwaye uzishiye phambi kwakhe. Ugqwesile ekuzitshabalaliseni. Khumbula, akazonyamezele mntu ngaphandle kwaKhe kwitrone yentliziyo yakho.
0 Comments